06/07/2022
USir Richard Branson ucelwa sponsorship with some motor racing guys. Kuba enguye ke ezithanda izinto , wenze nje some research ejonga uba zinako na uphumelela ezi chaps. Kwabonakala amathuba maninzi . Wazinika I sponsor eso in exchange for putting logos ze Virgin brand kwi Motor zabo.
Xa kusondela ilanga le race uye waqonda uzokuya ngokwakhe kuba wayefuna ufaka the stickers ngokwakhe. It turned out ngalemini yimini yi qualifying race. In order to race bekufanele uqale I phumelele a qualifying race , nyani zaphumelele zombini ezi chap zingu 1 and 2.
Baphume apho baya kwenye pub ( tarven ) to celebrate .
Omnye kwababafana called Jansen wayeze nentokazi yakhe , taking it easy umfo ( engaseli) kuba wayezakuqhuba on the main race kwilanga elizayo . Bona kwelabo Icala babebujula strongo. Njengesqhelo ziba mbini ,ntathu ubone intombi entle , nakuye kwaba njalo wabona ubuhle benenekazi lika Jansen ( his top racing dude) . Yaphakama into ka Branson Yaya kula tafile yabo yazitsholololo ejongile umfokazi exakiwe uba athini kuba ngumnumzana wemali lona . Wanqandwa waxolisa uphopho " sorry I didn't mean to" .
Emva koko , kungena abazali bephethe umntwana wabo bathi ntla ngaye ,kuba engusaziwayo kwezorhwebo bacele uthatha izithombe naye , avume athathele umntwana kwezakhe izandla . Kufothwe zibe mbini , ntathu. , Wanduluka nalomntwana , nanko eleqwa zi securities zalapho zimbambe zithatha umntwana. Aphinde acele uxolo.
Athi makakhe abethwe ngumoya uyabona noko ulifasile kakhulu ngoku . Angene e toilet , uthe eseme apho kungene omnye umfokazi abulise , ebulisela phezulu" Molo Mnumzana Branson . Usabetha amanzi uphopho, ajike ezobamba isandla salomfo kanti akakayivali iziphu and akakagqibi ichama , tshwaaa ezimpahleni zale ntsizwa
The rest is history
Wavuka e hotel yakhe eMelbourne enenkunzi yebhabhalaza and decided uyaphumla etywalenj for atleast six months . Uthi nyani waphumla ezonyanga